Zechariah 10:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba ndibahlwayele pakati kwezizwe, baya kundikumbula noko emazweni akude; babeya kupila kunye nabantwana babo, babuye ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubahlwayela ezintlangeni, bandikhumbule emazweni akude; baya kuhlala nabantwana babo, babuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakuba ndabasarhaza ezizweni, kodwa nakwelikude baya kundikhumbula. Bona ndawonye nenzala yabo bosinda, baze babuyele ekhaya.