Zechariah 11:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, ndiya kuvusa umalusi elizweni; ezo ziza kunqanyulwa akayi kuya kuzikangela, elahlekileyo akayi kuyifuna, neyapukileyo akayi kuyipolisa, emiyo akayi kuyonga; kodwa uya kuyidla inyama yezityebileyo, nempupu zazo woziṙazula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba, yabona, ndivusa ehlabathini umalusi, ongayi kuvelela amadoda amakhulu, ongayi kufuna izisweli, angaphilisi ezaphukileyo, angadlisi ivila; uya kuba nenyama etyebileyo, aziqhawule izikhonkwane zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku kweli lizwe ndiza kuvelisa umalusi ongazikhathaleleyo ezilahlekileyo, ongawananzanga amatakane, engazibophi azinyange nezenzakeleyo; ongazondliyo nezo ziphilileyo; othe phithi kukutya inyama yezityebileyo, ade akhukhuze namanqina.