Zechariah 11:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abati abafuyi bazo bazixe̔le, kodwa abanikwa ityala; nabo abatengisa ngazo, bonke bati: Makadunyiswe uyehova, ndityetyisiwe nje! nabalusi bazo, akuko namnye onenceba ngakuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
obathengi bawo bawubulalayo, bathi abanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo abawucongi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
abathi babulawe ngabaninizo, bazigqale njengabamsulwa; bathi: “Makabongwe uYehova! ngokuba zizityebi, nabalusi bawo àbawacongi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abathengi bazo bayazixhela bangohlwaywa noko. Abathengisi bazo bathi: ‘Makabongwe uNdikhoyo, ndisisityebi!’ Kwa-abelusi bazo abo abanalusini ngakuzo.