Zechariah 11:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndingayi kubuya ndibe nenceba ngakubo abemi belizwe, utsho uyehova; kodwa bona ke, ndiya kunikela amadoda amanye ngamanye esandleni sommelwane wawo, nasesandleni sokumkani wawo: babeya kuci̔takalisa ilizwe, ndaye ndingayi kuwahlangula esandleni sabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba andiyi kuphinda ndibaconge abemi belizwe,” utsho uYehova; kodwa qaphelani, ndiya kuwanikela la madoda, ngamnye esandleni sesakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, kwaye aya kuloyisa ilizwe, kwaye andiyi kubasindisa esandleni sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku sobe ndibe savelana nabantu beli lizwe,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Umntu ngamnye ndomnikezela esandleni sommelwane wakhe nokumkani wakhe. Bona bosuka balilawule ngengcinezelo ilizwe; ke mna andiyi kubahlangula esandleni sabo.”