Zechariah 12:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndoyenza i‐Yerusaleme ilitye elisindayo kubo bonke abantu; bonke abaya kulifunqula bogetyulwa kakulu: noko, ziya kuhlanganisana ngakuyo zonke izizwe zomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ngaloo mini, ndiyenze iYerusalem ibe lilitye elingumthwalo ezizweni zonke; bonke abalifunqulayo baya kuzisikisa, bazilimazise, ziyihlanganyele zonke iintlanga zehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini iYerusalem ndiya kuyenza ilitye elinzima ezintlangeni zonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mihla iJerusalem ndoyenza ifane nelitye elinzima kunene, yaye ke nabani na ozama ukuliphakamisa losuka limgcimfize. Zonke izizwe zehlabathi zodibana ziyihlanganyele.