Zechariah 12:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomhla lowo ndiya kuzenza inkosi zakwa‐Juda zibe njengeziko lomlilo pakati kwenkuni, nanjengesibane somlilo esitungwini; zaziya kubadla bonke abantu abangqongayo, ngasekunene nangasekohlo; ngokuba i‐Yerusaleme iya kubuya ihlale endaweni yayo e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini ndiya kuzenza iinkosana zakwaYuda zibe njengokhamba lomlilo ezinkunini, nanjengezikhuni ezitshangaziswayo ezithungwini, zizitshise ngasekunene nangasekhohlo izizwe zonke ngeenxa zonke; iYerusalem ibuye imiwe esikhundleni sayo eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini ndiya kuzenza iinkosana zakwaYuda zibe njengombumbi emithini, nanjengezikhuni ezitshangaziswayo phakathi kweemfumba; badle bonke abantu ngeenxa zonke, ngasekunene nangasekhohlo, yakhiwe iYerusalem, endaweni yayo, iYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mini iinkokheli zakwaJuda ndozenza zibe njengomlilo ophenjwe ehlathini okanye isikhuni esintumeka izithungu zengqolowa. Ziya kuzitshabalalisa zonke izizwe ezimjikelezileyo, nditsho ekunene nangasekhohlo. Ke yona iJerusalem iya kuphinda imiwe kwasendaweni yayo.