Zechariah 13:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa kusaprofitesha umntu, baya kwandula uyise wake nonina wake abamzalayo bati kuye: Akuyi kudla ubomi; ngokuba uteta ubuxoki egameni likayehova: kanjako uyise wake nonina wake abamzalayo baya kumhlaba nxa aprofiteshayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi xa athe wabuya waprofeta ubani, bathi kuye uyise nonina abamzalayo. Akuyi kuphila, kuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova. Uyise nonina abamzalayo bomhlaba amahlanza ngenxa yokuprofeta kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uthe waprofeta, uyise nonina abamzeleyo bothi kuye, Akuyi kuphila; ngenxa yokuba uxoke egameni likaYehova, yaye uyise nonina abamzalayo bomhlaba ekuprofeteni kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.