Zechariah 13:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, abaprofite baya kudana, abanye ngabanye ngenxa yomboniso wabo, nxa baprofiteshayo; baye bengayi kuyambata ingubo yoboya ukuze baxokise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo ngumbono wakhe, ekuprofeteni kwakhe, bangambathi ngubo ixhonti yokuze bakhohlise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo akhangele ubuso bakhe ekuprofeteni kwakhe; kwaye babenganxibanga sambatho esirhabaxa ukuze bakhohlise;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu.