Zechariah 14:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esi siya kuba sisibulawa, aya kuti uyehova ngaso abulale bonke abantu abalwileyo ngakuyo i‐Yerusaleme: inyama yabo yongcungcuteka besemi bona pezu kwenyawo zabo, namehlo abo ongcungcuteka ezintunjeni zawo, nolwimi lwabo lwongcungcuteka emlonyeni wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi wakhe emlonyeni wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Siya kuba seso isohlwayo uYehova aya kuzohlwaya ngaso zonke iintlanga ezilwa neYerusalem; Inyama yawo iya kudla emi ngeenyawo zawo, namehlo awo atyele emakrolomeni awo, nolwimi lwawo ludle emlonyeni wawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uya kuzihlisela isibetho zonke izizwe ezilwe neJerusalem. Imizimba yabo iya konakala ibole lo gama besemi ngeenyawo zabo, ngokunjalo namehlo abo emakrolomeni, neelwimi zabo emilonyeni.