Zechariah 14:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, kwobako impitizelo enkulu ivela kuyehova pakati kwabo, ade omnye abambe isandla somnye, siti isandla sake sinyuke ngakuso isandla somnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ngaloo mini kubekho isidubedube esikhulu esivela kuYehova; kwaye baya kubamba elowo ngesandla sommelwane wakhe, kwaye isandla sakhe siya kuba phezulu kunesandla sommelwane wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini uNdikhoyo uya kubahlisela ukunkwantya okukhulu abantu, umntu ngamnye axhakamfule isandla somnye, bahlaselane.