Zechariah 14:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesizalwane sama‐Jipete, ukuba asinyuki, nokuba asizi, ekungeko pezu kwawo imvula, kwobako kona isibulawa, aya kuti uyehova ngaso abulale izizwe ezingayi kunyuka ukuya kuwenza umtendeleko wamapempe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba isizwe saseYiputa asinyuki, asizanga, akubangakho mvula; kuya kubakho isohlwayo uYehova aya kuzohlwaya ngaso iintlanga ezingenyukiyo ziye kubhiyozela umthendeleko weminquba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nesizwe samaJiputa xa sithe sala ukuya, naso asiyi kuyifumana imvula – naso siya kuhlelwa sisibetho esihlela izizwe ezingavumiyo ukuya kubhiyozela itheko lamaphempe.