Zechariah 14:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kuhlanganisa izizwe zonke ngakuyo i‐Yerusaleme kuze kuliwe; soti isixeko sibanjwe, nezindlu zipangwe, nabafazi badlwengulwe; isiqingata sesixeko siya kupuma ngokutinjwa, kodwa abantu abaseleyo abayi kunqanyulwa esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe;umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu anganqunyulwa wona kuwo umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; nesixeko siya kuthinjwa, izindlu ziphangwe, nabafazi baya kuhlaziswa; isiqingatha sesixeko siya kuya ekuthinjweni, yaye amasalela abantu akayi kushenxiswa esixekweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuzihlanganisa izizwe zonke zize kulwa neJerusalem. Isixeko siya kuthinjwa, imizi ikhuthuzwe, abafazi badlwengulwe. Isiqingatha sabemi besixeko siya kuthinjwa, baze abantu abaseleyo bayekwe apho esixekweni.