Zechariah 14:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, zonke imbiza ezise‐Yerusaleme nakwa‐Juda zoba bubungcwele kuyehova wemikosi; babeya kuza bonke ababingayo, batabate kuzo, bapeke kuzo; kanjalo akusayi kuba sabako um‐Kanane endlwini kayehova wemikosi ngomhla lowo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zothi zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zibe ngcwele kuYehova wemikhosi; beze bonke ababingelelayo, bathabathe kuzo, baphekele kuzo; ngaloo mini kungabi sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zoba ngcwele kuYehova wemikhosi; bathabathe kuyo bonke abazisa umnikelo ngayo, bagubungele ngayo; yaye ngaloo mini akusayi kuba sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke into eyimbiza eJerusalem nakwaJuda iya kuba ngcwele, isetyenziswe xa kunqulwa uNdikhoyo onamandla onke. Abantu abenza amadini baya kusebenzisa zona xa bepheka inyama yamadini. Ngaloo mini ke akusayi kubakho bantu bashishinayo kwindlu kaNdikhoyo onamandla onke.