Zechariah 14:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kwesabela emhlanjeni wentaba zam; ngokuba umhlambo wentaba ezo uya kufikelana ne‐Atsele: ewe, niya kwesaba njengokuya nibe nisaba pambi kwesingcangcazelo somhlaba, emihleni ka‐Huziya ukumkani wo‐Juda; ngokuba uyehova, utixo wam, eya kuza, bonke abangcwele benawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nosabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nosabela entlanjeni yeentaba; ngokuba intili yeentaba iya kufika eAsale, nisabe njengoko nasabayo ngenxa yendudumo yehlabathi, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, abe phezu kwenu bonke abathembekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina niya kusaba ngenkalo yeentaba zam, kuba intili yezo ntaba iya kunaba iye kuthi xhaxhe ngeAzele. Nina niya kubhaca nixelise ngokuya ooyihlo-mkhulu babebaleka inyikima, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaJuda. Uya kwandula abonakale ke yena uNdikhoyo uThixo wam, esiza ephahlwe zizo zonke iingcwele zakhe.