Zechariah 14:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kwobako umhla owodwa, (uyaziwa wona nguyehova,) ungeyiyo imini, ungebubo nobusuku; ngokuba kuya kuti, ngexesha lokuhlwa kuya kubako ukukanya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova;ayimini, ayibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa kuya kuba yimini enye eya kwaziwa nguYehova, kungekhona imini okanye ubusuku; kodwa kuya kubakho ukukhanya ngokuhlwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Koba yimini eyodwa, engenamini nabusuku – imini eyaziwa nguNdikhoyo. Kwakufika ukuhlwa kobakho ukukhanya.