Zechariah 14:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova eya kuba ngukumkani pezu kwomhlaba wonke: ngomhla lowo kwobako uyehova yedwa, negama lake lodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kuba ngukumkani wehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, ogama lakhe linguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.