Zechariah 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako izizwe ezininzi zozibandakanyela kuyehova ngomhla lowo, zibe ngabantu bam; ndandiya kuhlala pakati kwako, wauya kwazi ukuba uyehova wemikosi unditumile kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthelela kuYehova iintlanga ezininzi ngaloo mini, zibe ngabantu bam, ndihlale phakathi kwakho; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini iintlanga ezininzi ziya kuhlangana noYehova, zibe ngabantu bam; yaye ndiya kuhlala phakathi kwenu, nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumile kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mini izizwe ezininzi ziya kubandakanywa noNdikhoyo, zibe ngabantu bam. Ndiya kuhlala phakathi kwenu, nani nitsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.