Zechariah 2:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova wemikosi ukuti: Emveni kwobungcwalisa, unditumile ezizweni ezanipangayo; ngokuba onicu̔kumisayo nina, elucu̔kumisa ukozo lweliso lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Undithume ukuphuthuma uzuko ezintlangeni ezanibhunyulayo; ngokuba onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Lo undithumile emva kozuko lweentlanga owazithimbayo; ngokuba ochukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ondigunyazise wandithuma kwizizwe ezanixhaphazayo, uthethe wathi: “Nabani na onichukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lwam.