Zechariah 3:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ukuba uya kuhamba ezindleleni zam, nokuba uya kugcina isigcinelo sam, uya kwandula ugwebe indlu yam, namabala am uwagcine; ndandiya kukunika abakokeli pakati kwaba abemiyo apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba nithe nahamba ngeendlela zam, nayigcina imithetho yam, nayigweba indlu yam, nazigcina iintendelezo zam, ndoninika izihlalo, ninyathele kuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo yam, indlu yam iya kulawulwa nguwe, ngokunjalo neenkundla zam zibe phantsi kwakho; kananjalo ke nawe uya kuba nendawo phakathi kwaba bemi apha.