Zechariah 4:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungubanina wena, ntaba nkulu? Ebusweni buka‐Zerubabeli woba litafa: waeya kuvelisa ilitye eliyintloko ngendanduluko zokuti: Ufefe! ufefe lube kulo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ungubani na wena, ntaba inkulu, phambi koZerubhabheli? Yiba sisithabazi; yena uya kulivelisa ilitye lochochoyi, kunkqangazwa kusithiwa, Ubabalo, ubabalo malube kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ungubani na wena, ntaba inkulu? phambi koZerubhabheli uya kuba lithafa, yaye uya kulisusa ilitye lengcwaba lakhe edanduluka esithi, Tarhu, inceba kuwe!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”