Zechariah 5:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yati kum: Lo sisiqalekiso esipumelayo pezu kwobuso balo lonke ilizwe; ngokuba osukuba esiba̔ eya kukukuliswa ngelicala, njengokwaso; nosukuba efunga uya kukukuliswa ngelocala, njengokwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebayo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungayo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi kum, Esi sisiqalekiso esigubungela ihlabathi lonke; ngokuba bonke abasukuba beba ngokukokwabo, baya kutshabalala ngaphaya; yaye othe wafunga uya kutshabalala njengakwelinye icala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho.