Zechariah 6:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kuza nabakude, bayakise itempile kayehova; naniya kwazi ukuba uyehova wemikosi unditumile kuni. Kwoza kubako oku, nxa niya kuliva ngokukutala ilizwi likayehova, utixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuza abakude bakhe etempileni kaYehova; nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni; kuya kwenzeka ke, ukuba nithe naliphulaphula ngenyameko ilizwi likaYehova uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye abo bakude baya kuza beza kwakha itempile kaYehova, yaye ngokuqinisekileyo niya kwazi ukuba uYehova wemikhosi undithumile kuni. Yaye oku kuya kwenzeka ukuba uthe waliphulaphula ngenyameko ilizwi likaYehova uThixo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu abahlala kwelikude baya kuza baze bancedise ekwakheni indlu kaNdikhoyo. Kwakuba njalo ke uya kuqonda ukuba ngenene uNdikhoyo onamandla onke undithumile kuwe. Le nto ke iya kwenzeka ukuba ulithobele ngenyameko izwi likaNdikhoyo uThixo wakho.”