Zechariah 6:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yandibiza, yateta kum, isiti: Kangela, lawo apumayo ukuya elizweni lasenode, apumzile umoya wam elizweni lasenode.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sadanduluka kum, sathetha kum, sathi, Yabona, la aphuma aya ezweni langasentla, awuzolise umoya wam ezweni langasentla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sandibiza saza sathetha nam, sathi: “Yabona, abo baphambukela entla bawuthi shwaka umphefumlo wam entla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku sabhekisa kum sathi: “Laa mahashe aye kwelasentla asa uMoya wam khona.”