Zechariah 7:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nentliziyo yabo bayenza njeng edamante, ukuba bangeva umteto, namazwi owawatumayo uyehova ngomoya wake, ngabo abaprofite bapambili; kwaza kwabako umsindo omkulu uvela kuyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, iintliziyo zabo bazenza zanjengelitye, ukuze bangawuva umyalelo namazwi, awawathumelayo uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bokuqala; ke ngoko, umsindo omkhulu uvela kuYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, iintliziyo zabo zasuka zaba lukhuni okwenyengane, abavuma ukuwaphulaphula amazwi kaNdikhoyo onamandla onke, lawo wayewathumele ngoMoya wakhe *kubashumayeli bamandulo. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke waba nomsindo.