Zechariah 7:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ndabaci̔ta ngesaqwiti pakati kwazo zonke izizwe abebengazazi; laza ilizwe laba bugxwayiba emva kwabo, kungeko owadlulayo nowabuyayo: ngokuba bebelenze ilizwe elinqwenelekileyo libe bugxwayiba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi;kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ndabachithachitha ngomoya wesaqhwithi phakathi kweentlanga zonke ababengazazi. Ngenxa yoko ilizwe laba yintlango emva kwabo, ekungacandi mntu kulo, kungabuyi mntu kulo; ngokuba balijika ilizwe elo elihle laba yintlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndasuka ndabachitha-chitha ngesaqhwithi, bathi saa ezizweni, baba ziimbacu. Ilizwe labo lasala libharhile, kungekho nomntu lo ongenayo nophumayo. Kwaba njalo ke ukulibharhisa kwabo ilizwe elihle.’ ”