Zechariah 7:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lamazwi asi ngawo na owawashumayelayo uyehova ngabaprofite bapambili, okuya i‐Yerusaleme ibimiwa, n okuya ibinokwonwaba, nezixeko zayo eziyingqongayo, kwakumiwa isuyide netafa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beningafanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anifanele nikuve na amazwi kaYehova awawathethayo ngabaprofeti bokuqala ekwakhiweni kweYerusalem yaza yaphumelela nakwizixeko eziyingqongileyo, ngoxa abantu babehlala emzantsi naseBalani leBala?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asingawo la amazwi kaNdikhoyo awabhengezwa ngabashumayeli bamandulo, xenikweni iJerusalem needolophu eziyingqongileyo bezimiwe ngabantu zinenkqubela, nditsho zona kunye nelasezantsi namathambeka asentshonalanga?’ ”