Zechariah 8:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ingekabiko lomihla, ubungeko umvuzo womntu, ubungeko nomvuzo wenkomo; nakuye opumayo, nakuye ongenayo, bekungeko uxolo, ngenxa yotshaba; ewe, ndatuma bonke abantu omnye ngakuye omnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, nomvuzo weenkomo ubungekho; nophumayo nongenayo ebengenaluxolo, ngenxa yombandezeli. Ndabenza bonke ukuba umntu achasane nommelwane wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, kungekho mvuzo wawungekho; nophumileyo nongenayo, akubangakho luxolo ngenxa yobubi; ngokuba ndibamisele bonke bephela, elowo alwe owakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphambi kwelo xesha bekungekho mali yakuqesha mntu okanye silwanyana. Wonke umntu ohambayo ebesemngciphekweni weentshaba. Kaloku ndabenza abantu bonke elowo achasane nommelwane wakhe.