Zechariah 8:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba imbewu yoba netamsanqa; umti weveyine uya kunika ukuqa̔ma kwawo, nomhlaba wonika ukuxakata kwawo, namazulu onika umbete wawo, nesisalela sababantu ndiya kubenza ukuba bazifuye ezi zinto zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kobakho imbewu yoxolo; umdiliya wonika isiqhamo sawo, nelizwe linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; zonke ezo zinto ndizidlise ilifa amasalela abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba imbewu yoxolo; umdiliya wothwala isiqhamo sawo, nehlabathi linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; yaye zonke ezi zinto ndiya kuzinika intsalela yolu hlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Imbewu iya kukhula kakuhle, izidiliya zivelise iziqhamo, umhlaba unike isivuno, izulu lihlise umbethe. Zonke ke ezi zinto ndiya kuzinika zibe lilifa kumasalela aba bantu.