Zechariah 8:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, njengokuba nibe nisisiqalekiso pakati kwezizwe, ndlu ka‐Juda, nendlu ka‐Sirayeli! kwa njalo ndonisindisa, naniya kuba litamsanqeliso: ningoyiki, mazomelele izandla zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, njengoko benilutshabhiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli, ndenjenjalo ukunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengoko nisuke naba sisiqalekiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli! ngoko ndiya kunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bantu bakwaJuda nakwaSirayeli, benisoloko nisisigculelo seentlanga, kodwa ke ngoku ndiza kunihlangula nitsho nibe yintsikelelo. Ngoko ke yomelelani, izandla zenu zingawi.”