Zechariah 8:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Inzilo yeyesine inyanga, nenzilo yeyesihlanu, nenzilo yeyesixe̔nxe, nenzilo yeyeshumi, zoba luvuyo nomgcobo kwindlu ka‐Juda, kwa imitendeleko ecwayitileyo: kodwa tandani inyaniso noxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Uzilo lweyesine inyanga, nozilo lweyesihlanu, nozilo lweyesixhenxe, nozilo lweyeshumi, luya kuba yimihlali, nemivuyo, namaxesha emisiweyo okuchwayitha, kwindlu kaYuda; ke thandani inyaniso noxolo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Uzilo lweyesine inyanga, nozilo lweyesihlanu, nozilo lweyesixhenxe, nozilo lweyeshumi, kuya kuba yimihlali, nemivuyo, nemibhiyozo yemihlali endlwini kaYuda; ke ngoko thanda inyaniso noxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Inzila yokudla yenyanga yesine, eyesihlanu, eyesixhenxe, neyeshumi, ziya kuba ngamatheko ovuyo nemincili kwaJuda. Ngoko ke yithandeni inyaniso noxolo.”