Zechariah 8:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ngalomihla, amadoda alishumi, kuzo zonke inteto nezizwe, aya kubamba, ewe, aya kubamba isondo lengubo yom‐Juda, esiti: Siya kuhamba nani; ngokuba sivile ukuba utixo unani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngezo mini aya kuthi abambe amadoda alishumi asezilwimini zonke zeentlanga, abambe esondweni lengubo yendoda engumYuda, athi, Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngelo xesha aya kulithimba amadoda alishumi eelwimi zonke zeentlanga, alithabathe icwecwe lomYuda, esithi, Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba kusithiwa, ndikunye nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngaloo mihla ke ishumi lamadoda kwiilwimi zonke zeentlanga zoqokelelana kumJuda omnye, zibambelele esondweni lengubo yakhe, zithi: ‘Sifuna ukuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’ ”