Zechariah 9:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
UMGWEBO welizwi likayehova ngakulo ilizwe le‐Haderaki, lowo i‐Damakusi yoba yindawo yokupumla kwawo, oko aya kubeka ngakuyehova amehlo abantu, nawezizwe zonke zo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwi likaYehova liya kuhlala ezweni laseHadrage neDamasko;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nalu udaba olindilisekileyo, nditsho ilizwi *likaNdikhoyo elichasene nelizwe laseHadraki. Lona luya kuyifikela iDamasko, kuba kaloku amehlo kaNdikhoyo akuluntu lonke, nkqu nazo zonke izizwe zikaSirayeli.