Zechariah 9:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ndizigobele u‐Juda, isipeta ndisizalisile ngo‐Frayime, nonyana bako, Ziyone! ndibavusile ngakubo onyana bako, Javane! ndandikwenzile njengesiṙele soligoṙa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndimgobile uYuda, isaphetha sam; ndimfakile uEfrayim, utolo lwam; ndiya kubaxhokonxa oonyana bakho, Ziyon, koonyana bakho, Yavan, ndikwenze ube njengekrele legorha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ndithe ndamelula uYuda, isaphetha sam ndimfakele uEfrayim noonyana bakho, Ziyon, ndiya kubaphakamisa oonyana bakho, Greece, ndikwenze ube njengekrele elinamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba uJuda ndimbhetya okwesaphetha, uEfrayim yena abe litolo lam. Ndophekuza ngoonyana bakho, Ziyon, babe njengekrele legorha, ndibalekuze oonyana bakho, lizwe lamaGrike.