Zechariah 9:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kuti uyehova, utixo wabo, abasindise ngomhla lowo, njengokuba bengumhlambi wabantu bake; ngokuba beya kuba njeng amatye esitsaba, ezipakamisa pezulu pezu kwelizwe lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wobasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye uYehova uThixo wabo uya kubahlangula ngaloo mini njengezimvu zabantu bakhe, ngenxa yokuba baya kuba njengamatye axhonywe njengeflegi ezweni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini ke uNdikhoyo uThixo wabo wobasindisa. Kaloku bona baba ngabantu abangumhlambi wakhe. Bobengezela elizweni lakhe oku kwamatye exabiso ahombisa isithsaba.