Zechariah 9:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Ashekelone yobona, yoyike: yobona ne‐Gaza, itutumele kakulu; ne‐Hekrone, ngokuba itemba layo lidanisiwe; kanjalo ukumkani wobuba e‐Gaza, ne‐Ashekelone ayiyi kumiwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iAshkelon iya kukubona oko, yoyike; nayo iGasa iya kuyibona ilusizi kakhulu, ne-Ekron; ngokuba liya kudaniswa ithemba lakhe; nokumkani uya kutshabalala eGaza, neAshkelon ayiyi kuthinjwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IAshkelon yobona inkwantye, iGaza izibhija-bhije ikhwina ziintlungu. Nethemba le-Ekron ngokwayo lovuthuluka. IGaza yona yophulukwa yikumkani yayo, iAshkelon itsho ilil' ibhungane.