Zechariah 9:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Igazi lake ndolisusa emlonyeni wake, nezinto zake ezizondekileyo kwa pakati kwamazinyo ake; waye kwa yena eya kusalela utixo wetu: ewe, woba njengenkosi kwa‐Juda, ne‐Hekrone njengom‐Yebusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kulisusa igazi lakhe emlonyeni wakhe, namasikizi akhe phakathi kwamazinyo akhe; kodwa lowo useleyo uya kuba ngokaThixo wethu, yaye ngokuqinisekileyo uya kuba njengerhuluneli yelizwe lakwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuyihlutha inyama enegazi emilonyeni yabo, ndiyikhuphe phakathi kwamazinyo abo inyama engumnikelo kwizithixo. Amasalela abo oba ngakaThixo wethu, abe ngathi yenye yezindlu zikaJuda, iEkron yona ifane namaJebhusi.