Zephaniah 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ubutyebi bawo boba ngamaxoba, nezindlu zawo zoba yingci̔takalo; angaka izindlu, kodwa akayi kuhlala kuzo; angatyala imiyezo, kodwa akayi kusela iveyine yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko ilifa labo liya kuphangwa, nezindlu zabo zibe ngamanxuwa; baya kwakha izindlu, bangahlali kuzo; baya kutyala izidiliya, kodwa abayi kuyisela iwayini yazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubutyebi babo buya kuxhatshazwa, izindlu zabo zona zibhodlozwe. Boba ngazakha ke izindlu, kodwa bangaze bahlale kuzo. Ewe, bozilima izidiliya, kodwa bangaze basele wayini yazo.”