Zephaniah 1:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako isilivere yabo, negolide yabo, iya kukohlwa ukubahlangula ngomhla womsindo kayehova; kodwa ilizwe lonke liya kudliwa ngumlilo wekwele lake; ngokuba ukugqitywa okwalamileyo kanye eya kukwenzela bonke abemi belizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abenze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubasindisa ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; nehlabathi liphela liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Soze yabasindisa igolide nesiliva yabo ngaloo mini yengqumbo kaNdikhoyo. Umhlaba wotshiswa wonke ngumlilo wekhwele lakhe. Uya kubenzela isiphelo esipheleleyo nesikhawulezileyo bonke abemi behlabathi.