Zephaniah 1:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiya kususa abantu nenkomo; ndiya kususa intaka zezulu, nentlanzi zolwandle; neziku̔bekiso kunye nabakohlakeleyo; ndandiya kunqamla abantu ebusweni belizwe, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso kunye nabangendawo;ndibanqamle abantu emhlabeni; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kutshabalalisa umntu nenkomo; Ndiya kuzitshabalalisa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, nezikhubekiso zabangendawo; yaye ndiza kumnqumla umntu emhlabeni,’ utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndotshayela nje umntu nesilwanyana. Ewe, ndozitshabalalisa iintaka esibhakabhakeni, ndenjenjalo nasezintlanzini zolwandle. Ndobasusa abakhohlakeleyo bezizikhubekiso, ndimnqamle kuphele umntu ehlabathini.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.