Zephaniah 2:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku boba nako ngenxa yer̔atshi labo, ngokuba betukile bazenza bakulu ngakubo abantu bake uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuba njalo kubo ngenxa yekratshi labo, ngokuba bengcikivile, bazikhulisa kubantu bakaYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lilo elo ikratshi labo, ngenxa yokuba baye babadelela baza baziphakamisa abantu bakaYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo, ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.