Zephaniah 2:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova uya kwoyikeka kubo, ngokuba eya kubityisa bonke otixo bomhlaba: babeya kumbedesha, abanye ngabanye ezindaweni zabo, bonke abemi beziqiti zabaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyoyikeka uYehova kubo; kuba uyabangcungcuthekisa bonke oothixo behlabathi, ziqubude kuye zonke iziqithi zeentlanga, elowo esendaweni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kunkwantya kubo, kuba uya kubabulala ngephango bonke oothixo behlabathi; yaye abantu baya kumnqula elowo endaweni yakhe, kuzo zonke iziqithi zeentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo, kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe. Izizwe macala onke ziya kumnqula; bebonke ke kwimihlaba yabo.