Zephaniah 2:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Imihlambi yobutuma pakati kwayo, onke amaṙamncwa ezizwe; ewe, incwangube nencanda ziya kulalisa pezu kwemiqolo yayo; ilizwi liya kucula ezifenstileni, ingci̔takalo yoba seminyangweni, ngokuba isetyenzwa lesedare lenzwe zé.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokuba ziziphi, ziziimfidi; ingcwangube nokhwalimanzi balale emanqanamini; kobakho lizwi leemvumi ezifestileni, amazala emibundwini yeminyango; ngokuba ewuhlubile umsebenzi wabo wemisedare.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuhlala phakathi kwabo iintaka, amarhamncwa onke eentlanga; Kuhlala iintaka nokhwalimanzi ezindaweni zabo eziphakamileyo; ilizwi labo liya kumemelela ezifestileni; ukonakala kuya kuba sezingcangweni, ngenxa yokuba kuya kutyhilwa umsebenzi wemisedare.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi; ewe, yoba likhaya lazo zonke iindidi zezilwanyana. Soba lapho isikhova nesihulu-hulu, side silale kuloo miwewe, zikhwazane kwezo festile, ibe emnyango iyinkunkuma yodwa, imiqadi yomsedare isele izé.