Zephaniah 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, icala lalo loba lelesisalela sendlu ka‐Juda; baya kudla pezu kwalo: ezindlwini zase‐Ashekelone baya kulala pantsi ngokuhlwa; ngokuba uyehova, utixo wabo, eya kubakangela, abuyise ukutinjwa kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loba licandelo lamasalela endlu yakwaYuda; aya kwalusela kulo, abuthe ezindlwini zaseAshkelon ngokuhlwa; kuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo, akubuyise ukuthinjwa kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ilizwe liya kuba lelamasalela endlu yakwaYuda; aya kudla kuyo; baya kulala ezindlwini zaseAshkelon; ngokuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo, awabuyise ekuthinjweni kwawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda; khona bozuza amadlelo. Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon; kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela, abenze badle ngendeb' endala.