Zephaniah 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, ndihleli nje, utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenyaniso i‐Mowabi yoba njenge‐Sodome, nosapo luka‐Hamoni njenge Gomora; indawo eyenileyo ngamaṙau, neyezihogo zetyuwa, nengci̔takalo engunapakade; isisalela sabantu bam sobapanga, neliva lesizwe sam lobafuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, ndihleli nje, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, inene, elakwaMowabhi liya kuba njengeSodom, neloonyana baka-Amon libe njengeGomora, libe lilifa lamarhawu, libe sisigingqi setyuwa, kube senkangala kulo, kude kuse ephakadeni. Amasalela abantu bam aya kubaphanga, amaqongqolo ohlanga lwam abadle ilifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, ndihleli nje, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, uMowabhi uya kuba njengeSodom, noonyana baka-Amon babe njengeGomora, nemihadi yetyuwa, nenkangala ephanzileyo, kude kuse ephakadeni; amasalela abantu bam ziya kuzihlutha, namasalela abantu bam azihluthe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli: “Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom, ama-Amon abe njengeGomora, indawo yokhula nemihadi yetyuwa. Yoba yinkangala ngonaphakade. Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza; ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”