Zephaniah 3:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomhla lowo akuyi kudana ngenxa yazo zonke izenzo zako, ogqitileyo ngazo ngakum; ngokuba oko ndiya kususa pakati kwako abavuyeleli bako abaner̔atshi; waungasayi kupinda ube nokuqanqalaza entabeni yam engcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqa ngazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, benekratshi, ungaphindi uzidle ngokwakho entabeni yam engcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yezenzo zakho zonke, ondiqumbise ngazo; kuba ngelo xesha ndiya kubashenxisa kuni abo banandipha ikratshi lenu, yaye anisayi kuphinda niqhayise ngentaba yam engcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mini aniyi kudana ngobugwenxa enibenze kum, kuba ndobasusa kwesi sixeko abo baziqhayisa ngekratshi. Soze niphinde nidelele kuloo ntaba yam ingcwele.