Zephaniah 3:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boti o‐Sirayeli abaseleyo abayi kubenza ubumenemene; abayi kuteta ubuxoki; kanjako ulwimi olukohlisayo aluyi kufunyanwa emlonyeni wabo; koko baya kudla balale pantsi, kungeko oya kuboyikisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza bubi, akayi kuxoka; nolwimi lwenkohliso aluyi kufunyanwa emlonyeni wabo; ngokuba baya kudla, bazole, kungabikho ubothusayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Amasalela kaSirayeli soze anxaxhe. Akasayi kuthetha buxoki, kungàfunyanwa nankohliso emilonyeni yabo. Aya kutya angqengqe, kungabikho bani unokuwoyikisa.”