Zephaniah 3:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ngexesha elo ndiya kugqibela bonke ababandezeli bako; kanti abaqwalelayo ndobasindisa, nabagxotiweyo ndobahlanganisa; ndandiya kubenzela udumo negama, kuwo onke amazwe badanisiwe kuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndiya kubenza ngendawo bonke abacinezeli bakho ngelo xesha; ndiyisindise into eqhwalelayo, ndiyihlanganise into egxothiweyo; ndibenze indumiso negama emazweni onke abahlaziswa kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ngelo xesha ndiya kuziphelisa zonke izinto ezinitshutshisayo, nabo bema ngxi, ndiya kubasindisa, ndibahlanganise abathinjiweyo; yaye ndiya kufumana indumiso nodumo lwabo kuwo onke amazwe abahlazeke kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyabona, ngelo xesha ndiya kuphathana nabo abo bakucinezeleyo. Ndiya kusihlangula isiqhwala, ndibaqokelele abo basarhazekileyo. Ndiya kubanika udumo nokuhlonelwa kuloo mazwe onke ababehlaziswa kuwo.