Zephaniah 3:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngeloxesha ndiya kuningenisa, kwa ngexesha lokunihlanganisa kwam; ewe, ndiya kunenzela igama nodumo pakati kwabo bonke abantu bomhlaba, xeshekweni ndibuyisayo ukutinjwa kwenu pambi kwamehlo enu, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha ndiya kunizisa, ndinibuthe ngexesha elililo;ngokuba ndiya kunenza nibe negama, nidunyiswe phakathi kwezizwe zonke zehlabathi, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehlo enu; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha ndiya kunizisa, ndinibuthe ngexesha elililo; kuba ndiya kunenza nibe negama nendumiso phakathi kweentlanga zonke zomhlaba ekubuyiseleni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehlo enu,” utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha ndoniqokelela; ewe, ndinibuyisele ekhaya, ndinithi jize ngesidima nendumiso kuzo zonke izizwe zehlabathi, xa ndinibuyisela kundalashe. Nani ke noyibona loo nto ngala wenu amehlo!” Utsho uNdikhoyo.