Zephaniah 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndati: Okunene uya kwoyika mna, uya kwamkela ululeko; ukuze intlalo yaso inganqanyulwa, njengako konke endibe ndikumisele sona; kodwa bavuka kusasa, bazonakalisa zonke izenzo zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi kodwa, Mawundoyike, uyamkele ingqeqesho, linganqanyulwa ikhaya lakho, njengako konke endakumisela khona;ke bavuka kusasa, bonakalise ngeentlondi zabo zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi, Okunene niya kundoyika, nilwamkele uqeqesho; ukuze lingatshabalali ikhaya labo, ndabaxabela ke; bavuka kusasa, bayonakalisa yonke imisebenzi yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bendisithi iJerusalem iya kundoyika, ikwamkele ukululekwa, nendawo yokuhlala kwayo inganqanyulwa, nditsho konke endayibonelela ngako. Kambe ke basuka baxhinela phambili besenza loo mikhuba yabo mibi.