Zephaniah 3:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, ndilindeni, utsho uyehova, emhleni ndivukelayo amaxoba; ngokuba ngumgwebo wam ukubuta izizwe, ukuhlanganisa izikumkani, ukutulula pezu kwazo ukuṙala kwam, kwa bonke ubushushu bengqumbo yam; ngokuba umhlaba wonke uya kudliwa ngumlilo wekwele lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ibe yimini yokuvuka kwam, ndithimbe. Ngokuba kulunge kum ukuhlanganisa iintlanga, ndibuthe izikumkani, ukuze ndiyiphalaze ingqumbo yam phezu kwazo, konke ukuvutha komsindo wam; kuba liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lam lonke ihlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ifike imini endiya kuvuka ngayo, ndeyise; Ngokuba injongo yam kukuhlanganisa iintlanga, ndibabuthe ookumkani, ukuze ndiwuthulule phezu kwabo umsindo wam, ewe, konke ukuvutha komsindo wam ngokuba ihlabathi lonke liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke lindelani kum,” utsho uNdikhoyo, “nijonge usuku endothimba ngalo. Ndosuka ndiziqokelele izizwe, ndizihlanganisele ndawonye izikumkani, ndizigalele ngomsindo wam, ndiyibhokoxele kuzo ingqumbo yam eshushu, ihlabathi liphela litshabalale, ndililenye ngomlilo womsindo wekhwele lam.